UISAYA 43:20-21
UISAYA 43:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Izilo zasendle ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba; ngokuba ndenza amanzi entlango, nemilambo enkangala, ukuze ndiseze abantu bam, abanyulwa bam. Abantu endizibumbeleyo baya kubalisa indumiso yam.
UISAYA 43:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Neenyamakazi ngokwazo zondihlonela, oodyakalashe neenciniba zindincome, xa sendimpompozis' amanz' entlango, kubalek' imilambo enkangala, khon' ukuze lusel' usapho lwam, nditsho usapho olukhethiweyo, bantu abo ke ndazidalelayo, khon' ukuze bandidumise.”
UISAYA 43:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Izilo zelizwe ziya kundizukisa, iimpungutye neenciniba, ngenxa yokuba ndenza amanzi entlango nemilambo entlango ukuze basele abantu bam, abanyuliweyo bam. Ndim ozenzele olu hlanga; baya kuyixela indumiso yam.
UISAYA 43:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Izilo zasendle zondibeka, incu̔ka nenciniba; ngokuba ndiya kunika amanzi entlango, nemilambo ebugxwayibeni, kusezwe abantu bam, abaqashwa bam. Ababantu ndibadalele mna; udunyiswa lwam bolubalisa.