Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UISAYA 55:2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UISAYA 55:2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yini na ukuba nilinganisele imali ngento engesonka, nokuxelenga kwenu ngento engahluthisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, umphefumlo wenu uxhamle ukutyeba.

UISAYA 55:2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Sanukuchitha imali ngento engahluthisiyo. Ngani ukuba nibulaleke ninganeli noko? Ndiphulaphuleni nize nindithobele, khon' ukuze nixhamle ubuncwane obanelisayo.

UISAYA 55:2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Kunganina ukuba ninike imali ngenxa yokungesisonka, nenzuzo yenu ngenxa yokungahlutisiyo? Kutalani ukupulapula kum, nize nidle okumnandi, nomxe̔lo wenu mauziyolise ngobunqata.

UISAYA 55:2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yini na ukuba nilinganisele imali ngezinto ezingezizo izonka? nomsebenzi wenu kwinto enganelisiyo? Phulaphulani kum ninyameke, nidle okulungileyo, uvuye umphefumlo wenu ngokugqithileyo.