UISAYA 61:1-3
UISAYA 61:1-3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UMoya weNkosi uYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayeze abalulamileyo iindaba ezilungileyo. Úndithume ukubopha abantliziyo zaphukileyo, ukumemeza inkululeko kwabathinjiweyo, ukuvulwa kwamehlo kwabakhonkxiweyo; ukumemeza umnyaka wetarhu likaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu: ukuthuthuzela bonke abanesijwili; ukubamisela abanesijwili baseZiyon, ukubanika isihombo sentloko esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimiterebhinti• yobulungisa, isityalo sikaYehova sokuhomba.
UISAYA 61:1-3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo, kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile. Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu, ndibophe abantliziyo zingamahlwili, ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa, ndazise inkululeko kumabanjwa. Undithume ukuba ndivakalise ndithi uthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo, umhla wempindezelo yoThixo wethu. Uthi mandithuthuzele abo banesingqala; ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama, intambiso yolonwabo endaweni yokulila, ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa. Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa, imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe, ukuze baphuhlise isihomo sakhe.
UISAYA 61:1-3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uMoya kaYehova uphezu kwam; ngenxa yokuba uYehova endithambisele ukuba ndishumayele iindaba ezilungileyo kwabalulamileyo; Undithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, ndibhengeze ukukhululwa entolongweni; ukuxela umnyaka wenkoliseko kaYehova, nomhla wempindezelo yoThixo wethu; ukuthuthuzela bonke abanesijwili; Ukuba abekwe eZiyon amalungisa, ukuba anikwe uzuko esikhundleni sothuthu, neoli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somphefumlo odakumbileyo; ukubizwa kwabo kuthiwe yimithi yobulungisa, etyelwe nguYehova, ukuze kuzukiswe yena.
UISAYA 61:1-3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UMOYA WENKOSI UYEHOVA upezu kwam; ngokokuba UYEHOVA enditambisele ukushumayela indaba ezimnandi kwabatotyiweyo; unditumele ukubopa abantliziyo zigqobokileyo, ukuxela kwabatinjiweyo inkululeko, nakwababanjiweyo ukuvulwa kwentolongo; ukuxela umnyaka okolekileyo KAYEHOVA, nomhla wempindezelo KATIXO wetu; ukututuzela bonke abalilayo; ukumisela abo balilayo e‐Ziyone umgcobo; ukubanika ubuhle endaweni yotutu, ioli yovuyo endaweni yolilo, isambato sodumo endaweni yomoya wokuncama; ukuba babizwe ngokuba yimiti yobulungisa, isityalo SIKAYEHOVA; ukuze enzelwe ubungcwalisa.