EKAYAKOBI 1:19-20 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

EKAYAKOBI 1:19-20 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngoko ke, bazalwana bam baziintánda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.

EKAYAKOBI 1:19-20 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka. Kaloku into umntu ayenza enomsindo ayinakwamkeleka kuThixo.

EKAYAKOBI 1:19-20 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngoko ke, bazalwana bam abatandiweyo! mabati bonke abantu ngabanye banxamele ukuva, balibalele ukuteta, balibalele ukuqumba. Ngokuba ukuqumba kwomntu kungazuzisi ubulungisa BUKATIXO.

EKAYAKOBI 1:19-20 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Ngoko ke, bazalwana bam baziintanda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba; Kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.