EKAYAKOBI 4:1-2 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

EKAYAKOBI 4:1-2 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziveli na apha eziyolweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakufumana nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.

EKAYAKOBI 4:1-2 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Yintoni edala iimfazwe neengxabano apha phakathi kwenu? Ngokuqinisekileyo zivela kwiinkanuko zenu ezisoloko zisenza imizabalazo ngaphakathi kwenu. Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.

EKAYAKOBI 4:1-2 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

ZIVELA pina imfazwe nembambano pakati kwenu? Aziveli kwa lapa na, kwa seziyolweni zenu ezilwayo pakati kwamalungu enu? Niyakanuka, kanti aninanto; niyabulala, niyazondela nokuzondela, kanti aningezuze; niyabambana nenze imfazwe, kodwa aninanto, ngenxa yokuba ningaceli.

EKAYAKOBI 4:1-2 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Zivela phi na iimfazwe nokulwa phakathi kwenu? Aziphumi na apha ezinkanukweni zenu, eziwaphumela umkhosi amalungu enu? Niyakhanuka, ningabi nakuzuza nto noko; niyabulala, nizonde, ningabi nakuzuza nto noko; niyalwa, nenze imfazwe, ningabi nakuzuza nto ke, ngenxa yokuba ningaceli.