ABAGWEBI 7:4
ABAGWEBI 7:4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uYehova kuGidiyon, Abantu basebaninzi. Yihla nabo, uye emanzini, ndikukhethele bona apho; kothi, endithe kuwe, Lo uya kuhamba nawe, maze ahambe nawe yena; bonke endisukuba ndithi kuwe, Lo akayi kuhamba nawe, ize angahambi nawe yena.
ABAGWEBI 7:4 IBHAYIBHILE (XHO96)
UNdikhoyo waqhuba wathi kuGidiyon: “Nangoku asemaninzi la madoda unawo. Yihla nawo uye emfuleni; ndiza kuwaphungula. Ke indoda endithe mayihambe nawe, yohamba, kodwa endithe mayisale, mayisale.”
ABAGWEBI 7:4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYehova kuGidiyon, Basebaninzi abantu; Yehla nawo uye emanzini, ndikuvavanyele wona apho. Ndithi ke kuni, Makangahambi nani, makangahambi nani.
ABAGWEBI 7:4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wayesiti UYEHOVA ku‐Gideyone: Abantu basebaninzi; bahlisele ngasemanzini, ndokulingela bona apo: kwakuya kuti, lowo endiya kutsho ngaye kuwe: Lo uya kuhamba nawe, yena wohamba nawe; nosukuba ndiya kutsho ngaye kuwe: Lo akayi kuhamba nawe, yena akayi kuhamba.