UYEREMIYA 14:18 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYEREMIYA 14:18 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ukuba ndithe ndaphuma ndaya emaphandleni, nabó ababuleweyo likrele; ukuba ndithe ndangena kuwo umzi, nabó abáfa yindlala; ngokuba umprofeti kwanombingeleli bayaquleka ezweni abangalaziyo.
UYEREMIYA 14:18 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ndithi ndakuphumela ngaphandle, ndithane nqwakaqha nâbo bawe ngekrele; ndithi ndakungena esixekweni, ndithi mandla nâbo bawiswe liphango. Kaloku abashumayeli kwakunye nababingeleli bayayabula nje kwilizwe lonke.’ ”
UYEREMIYA 14:18 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ukuba ndiyapumela endle, naba ababuleweyo ngesiṙele! kanjalo, ukuba ndiyangena esixekweni, naba abanezifo ngendlala! okunene kwa nomprofite nomperisite baya kufudukela elizweni abangalaziyo.
UYEREMIYA 14:18 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ndathi ndakuphuma ndaya entsimini, wabona abo boyisiweyo likrele; ndithi ndakungena kuwo umzi, ndibone abafa yindlala! Ewe, umprofeti nombingeleli balahlekile kwihlabathi abangalaziyo.