UYEREMIYA 14:19 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYEREMIYA 14:19 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ùmcekisé kwaphela na uYuda? Údimele na yiZiyon umphefumlo wakho? Yini na ukuba usibethe, singabi nakuphiliswa? Sithembé uxolo, akwabakho nto ilungileyo; sithembé ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.
UYEREMIYA 14:19 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngaba, Ndikhoyo, umlahle kwaphela na uJuda? Ngaba ikucaphuzelisa intliziyo na iZiyon? Yini na ukuba usibethe singabi nakuphiliswa? Besilindele uxolo, suka kwavela ububi. Besijonge ukuphiliswa, nâko sifikelwa lunxunguphalo.
UYEREMIYA 14:19 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ugqibele ukulahla i‐Juda na? umpefumlo wako uyatiya i‐Ziyone na? kunganina ukuba usibetile, kude kungabiko kuti impiliso? Sakangela uxolo, kodwa akuko okulungileyo; nexesha lempiliso, kodwa nasi isituso.
UYEREMIYA 14:19 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Umlahle kwaphela na uYuda? Wayithiya na iZiyon umphefumlo wakho? Usibethile na, kungabikho kuphiliswa? Sithembe uxolo, akulungile; nangenxa yexesha lokuphiliswa, kodwa, khangela!