UYEREMIYA 18:9-10
UYEREMIYA 18:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale; kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.
UYEREMIYA 18:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kanti ke nanini xa bendithe ubukumkani okanye uhlanga oluthile ndolwakha ndilumilisele, ze lona lungandithobeli, lwenze ububi, andiyi kukwenza oko kulungileyo bendizimisele ukukwenza.
UYEREMIYA 18:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngelo xesha ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ndibuqinise; Ukuba bathe benza ububi emehlweni am, abaliphulaphula ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulunga, ndathi, ndobabonisa kona.
UYEREMIYA 18:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kanjalo, nxa ndisukuba nditeta ngaso isizwe, nangabo ubukumkani, ukwaka, nokutyala; ukuba siyenza okukohlakeleyo emehlweni am, singapulapuli ilizwi lam, ndiya kwandula ndibe nosizi pezu kwokulungileyo, endati ndiya kubanceda ngako.