UYOHANE 14:16-17
UYOHANE 14:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade: uMoya wenyaniso, lowo lingenako ihlabathi ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi; ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
UYOHANE 14:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.
UYOHANE 14:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Mna ndiya kucela kuBawo, aze aninike omnye uMthetheleli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. uMoya wenyaniso; lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi, ngokuba uhleli nani, kanjalo uya kuba kuni.
UYOHANE 14:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndandiya kumtandaza UBAWO, oya kuninika umonwabisi omnye, ukuze ahlale nani kude kube ngunapakade, kwa UMOYA wenyaniso, lowo ilizwe lingemamkele, ngokuba lingamboni, lingamazi nokumazi; kodwa nina niyamazi, ngokuba ehlala kuni, waeya kuba pakati kwenu kanjalo.