UYOHANE 2:15-16
UYOHANE 2:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wenza iziniya ngemizí, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; wathi nakwabo bathengisa ngamahobe, Ezi zinto zisuseni apha; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
UYOHANE 2:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo. Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”
UYOHANE 2:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wenze iziniya ngentambo, wabakhupha bonke etempileni, kwanezimvu neenkomo; wayiphalaza imali yabananisi, wazibhukuqa neetafile; Waza wathi nakwabo bathengisa ngamahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto; musani ukuyenza indlu kaBawo indlu yokuthengisela.
UYOHANE 2:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wati akuba ebenze iziniya ngentanjana, wabagxota bonke etempileni, kwa nezimvu nenkabi, wapalaza imali yabananeli, netafile zabo wazipenula; nabo abebetengisa ngamahobe watsho kubo ukuti: Susani apa ezizinto: ningayenzi indlu KABAWO indlu yentengo.