UYOHANE 5:19
UYOHANE 5:19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, UNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, ezo uyazenza uNyana kwangokunjalo
UYOHANE 5:19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ngoko uYesu waziphendulela kumaJuda, wathi: “Ndithi kuni, inene, ayikho into ayenza ngegunya lakhe uNyana; kuphela wenza oko akubona kusenziwa nguYise. Oko akwenzayo uYise, naye uNyana uyakwenza
UYOHANE 5:19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula ngoko uYesu, wathi kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, uNyana akanakwenza nto ngokwakhe, engathanga abone uYise eyenza; kuba izinto asukuba ezenza yena, uyazenza uNyana kwangokunjalo
UYOHANE 5:19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula wapendula u‐Yesu wati kuwo: Ngokwenene, ngokwenene, nditi kuni: UNYANA akangenze nto ngokwake, uyenza into ambona UYISE eyenza kupela; ngokuba izinto asukuba ezenza yena lowo, ezi uyazenza kwa njalo NONYANA.