Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UYOBHI 15:15-16 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UYOBHI 15:15-16 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yabona, nabangcwele bakhe àkakholwa ngabo, Nezulu àliqaqambile emehlweni akhe. Úbeke phi na olisikizi, oyimbozisa; Umntu lo, usela ubugqwetha njengamanzi?

UYOBHI 15:15-16 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Khumbula kaloku ukuba uThixo akathembanga nditsho neengcwele zakhe zasezulwini; ewe, nezulu ngokwalo alikho nyulu emehlweni akhe. Ubeka phi ke yena umntu eyinto elisikizi ephuthileyo nje? Kuxa engubani esela uluchwe lobubi nje oku kwamanzi?

UYOBHI 15:15-16 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Bona ke, akatembi kubo abangcwele bake; nawo amazulu akamhlope emehlweni ake. Kancinane kangakananina ngakumbi ke oko kuzondekileyo nokudlubukileyo, — umntu oselayo inkohlakalo njengamanzi?

UYOBHI 15:15-16 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Yabona, akakholosi ngabakhe benceba; nezulu alihlambulukile phambi kwamehlo akhe. Ngaphezu koko, umntu osela ubungendawo njengamanzi ulizothe yaye akahlambulukanga?