Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

UYOBHI 16:20-21 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UYOBHI 16:20-21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Abandigxekayo ngabethu aba; Iliso lam liyengezela kuThixo, Ukuba alungisele umfo kuThixo, Ahlule phakathi komntu nommelwane wakhe.

UYOBHI 16:20-21 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Sendiyintlekisa nakwizihlobo zam; ke iinyembezi zam ndiziphalaza phambi koThixo. Akwaba ebenokulamla phakathi komntu noThixo njengoko ebakho umlamli phakathi komntu nomhlobo wakhe!

UYOBHI 16:20-21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Abo bandigculelayo ngabahlobo bam; koko iliso lam litontsela KUTIXO. Akwaba bekungatetelelwayo indoda pambi KWOTIXO, njengokuba unyana woluntu etetelela umlingane wake!

UYOBHI 16:20-21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Abahlobo bam bayanditshata, kodwa iliso lam liyaphalala kuThixo. Hayi, ukuba umntu angamlamlela umntu kuThixo, njengokuba ethetha kummelwane wakhe!