UYOBHI 27:3-4 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

UYOBHI 27:3-4 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

(Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am), Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.

UYOBHI 27:3-4 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ukuba ndisaxomoloza ndisadl' amazimba, xa ngaba ndisaphila ndinomphefumlo kaThixo emathatheni am, imilebe yam ayisokuze ithethe inkohlakalo, ngokunjalo nolwimi lwam alusoze luthethe inkohliso.

UYOBHI 27:3-4 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

kwa lonke ixesha umpefumlo wam ukum, nomoya KATIXO usempumlweni yam; awusayi kuteta umlomo wam ubumenemene, nolwimi lwam aluyi kuxela inkohliso.

UYOBHI 27:3-4 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Umoya wam uhleli kum, nomoya kaThixo usemathatheni am; Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluthethi nkohliso.