UYOBHI 28:20-21 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYOBHI 28:20-21 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ubulumko buvela phi na ke, Yiyiphi na indawo yengqondo? Bufihlakele emehlweni eento zonke eziphilileyo; Busithakele nasezintakeni zasezulwini.
Yabelana
UYOBHI 28 XHO75UYOBHI 28:20-21 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke, ngaba uphi owona mthombo wobulumko? Umntu angalufumana phi ulwazi? Abubonakali kuzo zonke izinto eziphilileyo, nditsho nakweyona intingayo intaka.
Yabelana
UYOBHI 28 XHO96UYOBHI 28:20-21 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ubulumko, buvela pina? nendawo yengqondo ipina ke? bufihlakele nje emehlweni abo bonke abahleliyo, busitele nasezintakeni zezulu.
Yabelana
UYOBHI 28 XHO1902AUYOBHI 28:20-21 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Buvela phi ubulumko? kwaye kude kangakanani ukuqonda? Ngokuba abubonakali emehlweni abaphilileyo bonke, bube bufihlakele ezintakeni zezulu.
Yabelana
UYOBHI 28 CXB24