UYOBHI 33:15-18 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYOBHI 33:15-18 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ephupheni, embonweni wasebusuku, Bakuwelwa bubuthongo obukhulu abantu, Ekozeleni elukhukweni; Uzityhila oko iindlebe zabantu, Akutywine akuvingce ukuthethiswa kwabo, Ukuze amthinte umntu ekwenzeni into, Agubungele uqhankqalazo lomfo; Awunqande umphefumlo wakhe esihogweni, Nobomi bakhe bungagqitheli emkhontweni.
UYOBHI 33:15-18 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Xa umntu ekobunzulu ubuthongo, elele emandlalweni wakhe, uThixo uthetha ngamaphupha nemibono yasebusuku. Ewe, uzivula ngelo xesha iindlebe zabantu, ebalumkisa batsho barhwaqele. Ethethanje ke uthintela ukona; unqanda umntu angazigwagwisi. Ukhusela umphefumlo womntu engcwabeni, amhlangule kwintshabalalo yekrele.
UYOBHI 33:15-18 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngepupa, ngomboniso wobusuku, kwakuba kusiwa ubutongo obukulu pezu kwabantu, ekwozeleni pezu kwomandlalo: oko uyatyila indlebe zabantu, nokululekwa kwabo uyakuncamatisela; ukuze apambukise umntu ekwenzeni kwake, alifihle ir̔atshi koyindoda; abambe umpefumlo wake emnxunyeni, nobomi bake ekububeni ngomkonto.
UYOBHI 33:15-18 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ephupheni, embonweni wasebusuku, xa abantu besindwa bubuthongo obukhulu, abalali ezingqengqelweni; Wandula ke avule iindlebe zabantu aze awuqinise umyalelo wabo, ukuze amshenxise umntu kwinjongo yakhe, afihle ikratshi lomntu. Ugcina umphefumlo wakhe emngxunyeni, Nobomi bakhe bungatshabalali likrele.