UYOBHI 34:10-11 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UYOBHI 34:10-11 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ngako oko, nina madoda okuqonda, phulaphulani kum; Makube lee kuThixo ukuba ngongendawo; KuSomandla, ukuba abe nobugqwetha, Ke ukwenza komntu ukúbuyekeza kuye, Amfumanise umfo ngokwehambo yakhe.
Yabelana
UYOBHI 34 XHO75UYOBHI 34:10-11 XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Kambe ke ndiphulaphuleni, zingqondi: kukude lé kuThixo ukwenza ububi, kuSomandla ukwenza ubugwenxa. Kuye umntu uvuna loo nto ayilimileyo; umntu umphatha ngokwehambo yakhe.
Yabelana
UYOBHI 34 XHO96UYOBHI 34:10-11 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako oko, madoda okuqonda! pulapulani kum: Makube lé ubumenemene KUTIXO, nobono KUSOMANDLA! Ngokuba umsebenzi wabantu eya kuwubuyekezela kubo, enze ukuba bonke ngabanye bafumane njengokwemikwa yabo.
Yabelana
UYOBHI 34 XHO1902AUYOBHI 34:10-11 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ngako oko, nina madoda okuqonda, ndiphulaphuleni; Kukude kuThixo ukuba wenze ububi; nokukaSomandla ukwenza ububi. Uya kumbuyekeza ngokwezenzo zakhe, Elowo nalowo ngokwendlela yakhe.
Yabelana
UYOBHI 34 CXB24