UYOWELI 2:32
UYOWELI 2:32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bothi bonke abasukuba benqula igama likaYehova, basinde; kuba entabeni yaseZiyon naseYerusalem kuya kubakho abasindileyo, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
UYOWELI 2:32 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa, kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa, njengoko atshiloyo uNdikhoyo – nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”
UYOWELI 2:32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Yaye wonk’ ubani obiza egameni likaYehova uya kusindiswa; ngokuba entabeni yeZiyon naseYerusalem kuya kubakho usindiso, njengoko watshoyo uYehova; naphakathi kwabaseleyo kubekho awobabiza uYehova.
UYOWELI 2:32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwakuya kuti, bonke abaya kubiza egameni LIKAYEHOVA bosindiswa; ngokuba entabeni ye‐Ziyone, nase‐Yerusaleme, kuya kubako ukusinda, njengokuba etshilo UYEHOVA, napakati kwabaseleyo abaya kubizwa NGUYEHOVA.