UYONA 1:3
UYONA 1:3 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wesuka uYona, ebalekela eTarshishe, emka ebusweni bukaYehova. Wehla ke waya eYafo, wafumanana nenqanawa eya eTarshishe. Wayirhola ingqesho yayo, wehla, wangena kuyo, ukuze aye nabo eTarshishe, emke ebusweni bukaYehova.
UYONA 1:3 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kambe ke yena uJona wambaleka uNdikhoyo, wasabela eTashishe. Wehla waya eJopa, apho wafumana inqanawa eya eTashishe. Akuba ke eyihlawule imali yendlela, wakhwela wasinga eTashishe, ebaleka uNdikhoyo.
UYONA 1:3 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wesuka ke uYona, ebalekela eTarshishe phambi koYehova, wehla waya eYafo; wafumana inqanawa esinge eTarshishe, wayihlawulela indlela yakhe, wangena kuyo ukuze abone iTarshishe, emke ebusweni bukaYehova.
UYONA 1:3 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa u‐Jona wesuka ukuba asabele e‐Tareshishe, esaba ebusweni BUKAYEHOVA; wehla waya e‐Jopa, wayifumana inqanawa isiya e‐Tareshishe, wanika umvuzo wayo, wangena kuyo, ukuba ahambe nabo ukuya e‐Tareshishe, esaba ebusweni BUKAYEHOVA.