UYOSHUWA 14:10
UYOSHUWA 14:10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Khangela ke ngoko, uYehova undisindisile njengoko watshoyo, le minyaka imashumi mané anamihlanu, kususela koko walithethayo uYehova elo lizwi kuMoses, oko amaSirayeli abehamba entlango; yabona ke, ngoku namhla ndiminyaka imashumi asibhozo anamihlanu ndizelwe.
UYOSHUWA 14:10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke uNdikhoyo usandigcinile njengoko wathembisayo. Kambe sekudlule amashumi amane anantlanu eminyaka oko uNdikhoyo wathetha loo nto kuMosis ngokuya amaSirayeli ayebhadula entlango. Ndim lo ke, ndimashumi asibhozo anantlanu eminyaka ndisidla amazimba
UYOSHUWA 14:10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Khangela ke, uYehova undidlise ubomi le minyaka imashumi mane anamihlanu, njengoko wakuthethayo, kususela koko walithethayo uYehova elo lizwi kuMoses, oko oonyana bakaSirayeli babebhadule entlango; ngoku, yabona, ziintsuku ezimashumi asibhozo anambini neminyaka emihlanu.
UYOSHUWA 14:10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku bona ke, UYEHOVA undilondolozile ebomini, njengokuba etshilo, leminyaka imashumi mane anamihlanu, kwa kuseloko UYEHOVA wabeteta elilizwi ku‐Mosesi, okuya o‐Sirayeli bebehamba entlango: nakaloku, nanku namhla ndingominyaka ingamashumi asibozo anamihlanu ubudala bam.