UYOSHUWA 24:15
UYOSHUWA 24:15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uYehova, zinyuleleni namhla oyena niya kumkhonza; nokuba ngoothixo ababekhonza bona ooyihlo, ababephesheya koMlambo, nokuba ngoothixo bama-Amori, enihleli ezweni lawo. Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
UYOSHUWA 24:15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke ukuba kubi emehlweni enu ukumkhonza uNdikhoyo, khethani ngoku, ukuba nokhonza bani na nina, phakathi koothixo baseMesopotami booyihlo noothixo bama-Amori enimi kumhlaba wawo. Kodwa mna kunye nomzi wam, siya kukhonza uNdikhoyo.”
UYOSHUWA 24:15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuba kubi emehlweni akho ukumkhonza uYehova, zinyulele namhla lowo uya kumkhonza; noothixo ababekhonza bona ooyihlo phesheya koMlambo, noothixo bama-Amori enihleli ezweni lawo; Ke mna nendlu yam siya kukhonza uYehova.
UYOSHUWA 24:15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa ukuba kubi emehlweni enu ukumkonza UYEHOVA, ziqasheleni namhla oyena niya kumkonza; nokuba ngotixo ababekonza bona oyihlo benu, ababepesheya kwomlambo, nokuba ngotixo baba‐Amori, enimiyo elizweni labo: mna kodwa, nendlu yam, siya kumkonza UYEHOVA.