UYOSHUWA 7:12
UYOSHUWA 7:12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ababa nako ke oonyana bakaSirayeli ukuma phambi kweentshaba zabo, bazinikela ikhosi iintshaba zabo, ngokuba bebeyinto esingelwe phantsi. Andiyi kuphinda ndibe nani, ukuba ayithanga itshatyalaliswe into esingelwe phantsi phakathi kwenu.
UYOSHUWA 7:12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Yiyo ke loo nto engenakumelana notshaba nje amaSirayeli. Ebaleka nje kungenxa yokuba nawo emelwe kukutshabalala! Andikubuya ndibe phakathi kwenu nide nibe nizitshabalalisile izinto ebekufuneka zitshatyalaliswe.
UYOSHUWA 7:12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngoko oonyana bakaSirayeli ababanga nakuma phambi kweentshaba zabo, kodwa bazinikela umva iintshaba zabo, ngenxa yokuba babeqalekisiwe; andisayi kuba nawe, ukuba anithanga nitshabalalise isiqalekiso phakathi kwenu.
UYOSHUWA 7:12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kukona usapo Iuka‐Sirayeli lwalukohlwa kukuma ebusweni bentshaba zalo, lwanikela intshaba zalo umhlana, ngokuba lwaba yinto elahlelwe ekutshatyalalisweni: andisayi kubuya ndibe nani, ukuba anitshabalalisi lonto ilahlelweyo ekutshatyalalisweni kwa pakati kwenu.