Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

ILEVITIKUS 10:3 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

ILEVITIKUS 10:3 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Wathi uMoses kuAron, Yilaa nto wayithethayo uYehova, wathi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizizukise ebusweni babantu bonke; wathi cwaka uAron.

ILEVITIKUS 10:3 XHO96 (IBHAYIBHILE)

UMosis ke uthe kuAron: “Nantso ke into eyayixelwa nguNdikhoyo ngokuya wayesithi: ‘Kufuneka bandihlonele bonke abasondelayo kum; abantu bam ndobabonisa isihomo nesithozela sam.’ ” Yena uAron wasuka wathula tu.

ILEVITIKUS 10:3 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Wandula wati u‐Mosesi ku‐Arone: Koku akutetileyo UYEHOVA, esiti: Ngabo basondela kum ndiya kungcwaliswa, nasebusweni babantu bonke ndiya kuzukiswa. Koko u‐Arone wati cwaka.

ILEVITIKUS 10:3 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wathi uMoses kuAron, Utsho uYehova ukuthi, Ndozingcwalisela abasondela kum, ndizukiseke phambi kwabantu bonke. Wathi tu uAron.