Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

ILEVITIKUS 11:44 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

ILEVITIKUS 11:44 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Ngokuba ndinguYehova uThixo wenu, ze nizingcwalise nibe ngcwele; ngokuba ndiyiNgcwele; ize ningayenzi iinqambi imiphefumlo yenu ngenyakanyaka yonke enambuzelayo emhlabeni.

ILEVITIKUS 11:44 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu. Yibani ngcwele, kuba mna ndingcwele. Musani ukuzifaka umlaza nangasiphi na isidalwa esirhubuluzayo emhlabeni.

ILEVITIKUS 11:44 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Ngokuba mna ndi NGUYEHOVA, UTIXO wenu: kukona niya kuzingcwalisa, nibe ngcwele, ngokuba ndingcwele mna; kanjalo aniyi kunco̔lisa imipefumlo yenu ngasinye isinambuzane esinambuzelayo pezu kwomhlaba.

ILEVITIKUS 11:44 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Kuba ndiyiNkosi uThixo wenu; ke ngoko, kufuneka nibe ngcwele, nibe ngcwele; ngokuba ndingcwele mna; musani ukuzenza iinqambi ngenyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni.