Uphawu lwe App yeBhayibhile
Khetha Uphawu

ILEVITIKUS 2:13 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo

ILEVITIKUS 2:13 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)

Yonke imisondezo eyiminikelo yakho yokudla wòyigalela ityuwa; uze umgavumi ukuba isweleke ityuwa yomnqophiso woThixo wakho eminikelweni yakho yokudla. Imisondezo yakho yonke woyisondeza inetyuwa.

ILEVITIKUS 2:13 XHO96 (IBHAYIBHILE)

Ityiwa mayigalelwe kuwo wonke umnikelo wokutya, kuba kaloku ityiwa yalatha umnqophiso ophakathi kwenu noThixo. Ke ngoko yonke iminikelo mayigalelwe ityiwa.

ILEVITIKUS 2:13 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))

Nayo yonke iminikelo yomnikelo wokudla wako uya kumvumvuzela yona ngetyuwa; kanjako akuyi kupelisa ityuwa yocebano LWOTIXO wako kuwo umnikelo wokudla wako: yonke iminikelo yako uya kuyinikela inetyuwa.

ILEVITIKUS 2:13 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)

Wonke umnikelo wokudla wokudla, ufefa ityuwa ngetyuwa; ize ingasweli ityuwa yomnqophiso woThixo wakho emnikelweni wakho wokudla; zonke izipho zakho wozisa ityuwa.