ULUKA 15:25-32
ULUKA 15:25-32 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini; wathi xa azayo, wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliyá lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuzu ephilile. Waqumba ke, akavuma nokungena. Uphumile ke uyise wambongoza. Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andizanga ndigqithe mthetho wakho; ukanti akuzanga undinike netakane eli, ukuze ndenze imihlali nezam izihlobo; kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, ùmxheléle ithole eliyá lityetyisiweyo. Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. Besimelwe kukuthi senze imihlali ke, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.
ULUKA 15:25-32 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Ke yona inkulu yayivela emasimini, kwathi yakusondela endlwini, yeva iingoma nokududa. Yabizela kuyo esinye kwizicaka, yasibuza ukuba kwenzeka ntoni na. Isicaka sathi kuyo: ‘Umninawe wakho ubuyile. Ke uyihlo uxhele elaa thole lityetyisiweyo, kuba ebuye wamzuza ephilile.’ Yaqumba inkulu, ayavuma nokungena oku, waza uyise waphuma wacengana nayo. Kodwa yona imphendule uyise yathi: ‘Khangela, ndikukhonze le minyaka ingakanana, ndingazange ndagqitha namnye umthetho wakho, kanti akuzange undinike netakane eli, ukuze ndichwayite nezam izihlobo. Kodwa akufika lo nyana wakho, lo wayidlayo wayigqiba impahla yakho namahenyukazi, usuke wamxhelela elaa thole lityetyisiweyo.’ Ke uyise wathi kuyo: ‘Nyana wam, wena uhleli unam, zaye zonke izinto zam zezakho. Kufanelekile ukuba sichwayite sigcobe, kuba umninawa wakho lo ebefile wabuya waphila, ebelahlekile wafunyanwa.’ ”
ULUKA 15:25-32 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke kaloku unyana wakhe omkhulu ebesentsimini. Wathi xa esondela endlwini, weva iingoma nokungqungqa. Wabizela kuye omnye kubakhonzi, wambuza ukuba zingaba ziyini na ezi zinto. Uthe ke yena kuye, Umninawa wakho ufikile; uyihlo ke uxhele ithole, eliya lityetyisiweyo; ngokuba ebuye wamzuza ephilile. Waqumba akavuma ukungena. Waphuma uyise, wambongoza. Waphendula ke yena wathi kuyise, Uyabona, le minyaka ingakanana ndiyakukhonza, andikhange ndigqithe mthetho wakho; kodwa xenikweni afikileyo lo nyana wakho, wayidlayo wayigqiba impilo yakho namahenyukazi, umxhelele ithole eliya lityetyisiweyo. Uthe ke yena kuye, Mntwana wam, wena uhleli unam, nazo zonke izinto zam zezakho. Kufanelekile ukuba senze imihlali, sivuye; ngokuba umninawa wakho lo ubefile, wabuya waphila; ubelahlekile, wafunyanwa.
ULUKA 15:25-32 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku unyana wake omkulu ebesentsimini: wati xeshekweni ebesiza wasondela endlwini, weva ukugwala nokududa. Waza wabiza esinye sezicaka, wabuza ukuba zingati nina ezizinto. Sati ke sona kuye: Umninawe wako ufikile; kanjalo uyihlo uxe̔lile itole elityetyisiweyo, kuba emamkele epilile. Waqumba ke, ebengavumi nokungena. Wati ngoko uyise wapuma wambongoza. Koko wapendula wati kuyise: Bona ke, ndikukonza leminyaka mininzi kangaka, ndingazanga ndigqite umyalelo wako nje, akupanga mna noko ibokwana napakade, ukuze ndigcobe nezihlobo zam: kodwa xeshekweni wafikayo unyana wako lo, obedlile imfuyo yako ndawonye nabapinyiswa, wamxe̔lela yena itole elityetyisiweyo. Koko wati kuye: Nyana! wena uba nam futi, nako konke okukokwam kukokwako. Kwabekufanele ukuba kuvuywe kugcotywe: ngokuba umninawe wako lo ebefile, kanti ubuye wapila; ebelahlekile nje, kanti ufunyenwe.