ULUKA 18:7-8
ULUKA 18:7-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
ULUKA 18:7-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaba yena uThixo akayi kubaphindezelela na abanyulwa bakhe abakhala kuye imini nobusuku? Akayi kukhawuleza na ukubanceda? Ngenene, uya kubaphindezelela kamsinya. Kodwa ke, akufika yena *uNyana woLuntu, ngaba wolufumana na ukholo ehlabathini apha?”
ULUKA 18:7-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ke yena uThixo akayi kukha abalungise na abanyulwa bakhe, abakhala kuye imini nobusuku, noko azeka kade umsindo ngabo? Ndithi kuni, Uya kubalungisa, abakhulule kamsinya. Kodwa ke akufika uNyana woMntu, wolufumana na ke ukholo ehlabathini apha?
ULUKA 18:7-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NOTIXO akayi kulungisa abaqashwa bake na, abakalela kuye emini nasebusuku, nangona enza kade pezu kwabo? Nditi kuni: Wobalungisa kamsinya. Kodwa noko, akuza unyana wesintu, wolufumana ke na ukolo emhlabeni?