ULUKA 4:5-8
ULUKA 4:5-8 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi ke uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ndiyamnika bona. Ukuba ngoko uthe wena waqubuda phambi kwam, konke oko koba kokwakho. UYesu wamphendula wathi, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
ULUKA 4:5-8 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke umtyholi wamnyusela endaweni ephakamileyo uYesu, wathi ngexeshana elingephi wambonisa onke amazwe ezikumkani zehlabathi; wathi kuye: “Ndokunika igunya kuwo onke, ndikuphe nobutyebi bawo, kuba konke oko kokwam, kwaye ndikunika lowo sukuba ndithanda ukumnika. Ke ngoko, ukuba uthe wandinqula, zonke ezo zinto zoba zezakho.” UYesu wamphendula wathi: “IziBhalo zithi: ‘Uze unqule iNkosi uThixo wakho, ukhonze yona yodwa.’ ”
ULUKA 4:5-8 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uMtyholi, emnyuse entabeni ephakamileyo, wambonisa zonke izikumkani zelimiweyo, ngesiquphe sexesha. Wathi uMtyholi kuye, Ndokunika bonke obu bukhosi bazo nozuko lwazo; ngokuba bunikelwe kum; nosukuba ndithanda ukumnika. Ukuba ke ngoko uthe wandinqula, zonke ezo nto ziya kuba zezakho. Waphendula uYesu wathi kuye, Suka umke, uye emva kwam, Sathana, ngokuba kubhaliwe kwathiwa, Uze uqubude eNkosini uThixo wakho, ukhonze yena yedwa.
ULUKA 4:5-8 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza u‐Satane wamnyusela entabeni ende, wambonisa bonke ubukumkani belizwe ngexanyana linye. Waza u‐Satane wati kuye: Ndiya kunika kuwe lamandla onke, nobungcwalisa babo; ngokuba enikelwe kum, nalowo enditanda ukumnika wona ndiyawanika kuye: wena ngoko ukuba uya kundibedesha, kwoba kokwako konke. Waza u‐Yesu wapendula wati kuye: Yiya emva kwam, Satane! ngokuba kuba̔liwe ngokuti: Uya kubedesha UYEHOVA, UTIXO wako, umkonze yena yedwa.