ULUKA 6:45
ULUKA 6:45 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
ULUKA 6:45 IBHAYIBHILE (XHO96)
Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.”
ULUKA 6:45 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Umntu olungileyo, ebuncwaneni obulungileyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kulungileyo; nomntu okhohlakeleyo, ebuncwaneni obukhohlakeleyo bentliziyo yakhe, uvelisa oko kukhohlakeleyo; kuba umlomo wakhe uthetha ngokuphuphuma kwentliziyo.
ULUKA 6:45 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Umntu olungileyo kwimbekelo elungileyo yentliziyo yake uyavelisa okulungileyo; nomntu okohlakeleyo kwimbekelo ekohlakeleyo yentliziyo yake uyavelisa okukohlakeleyo: ngokuba umlomo wake uteta okuvela ekupupumeni kwentliziyo.