UMALAKI 3:11-12
UMALAKI 3:11-12 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nento edlayo ndiya kuyikalimela ngenxa yenu; ayiyi kuzonakalisa izixakato zomhlaba wenu: kanjalo umti weveyine wenu entsimini awuyi kuputa, utsho UYEHOVA wemikosi. Ewe, izizwe zonke ziya kuti ninetamsanqa; ngokuba niya kuba lilizwe elitandekileyo, utsho UYEHOVA wemikosi.
UMALAKI 3:11-12 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndoyikhalimela inkumbi edlayo ngenxa yenu, ingazonakalisi iziqhamo zomhlaba wenu, ungaphunzi umdiliya wenu entsimini; utsho uYehova wemikhosi. Zonke iintlanga ziya kuthi ninoyolo, ngokuba niya kuba lilizwe elinanziweyo; utsho uYehova wemikhosi.
UMALAKI 3:11-12 IBHAYIBHILE (XHO96)
Izinambuzane ndozithintela zingazitshabalalisi izilimo zenu, nemidiliya yenu emasimini ingaphulukani neziqhamo zayo.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke. “Ke izizwe zonke zotsho zithi nithamsanqelekile, kuba ilizwe lenu loba lelihle kunene.” Utsho uNdikhoyo onamandla onke.
UMALAKI 3:11-12 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiya kumvelela odlayo ngenxa yenu, angonakalisi iziqhamo zelizwe lenu; nomdiliya wenu awusayi kusithela emasimini, phambi kwexesha lawo; utsho uYehova wemikhosi. Zonke iintlanga zothi nithamsanqelekile, kuba niya kuba lilizwe eliligugu, utsho uNdikhoyo onamandla onke.