UMATEYU 13:18-23
UMATEYU 13:18-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon' ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; lo nguye lowo wahlwayelwa ngasendleleni. Lowo ke uhlwayelwa ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo ke uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi, lithi ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; othi yena okunene axakathe iziqhamo; omnye ke enze ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
UMATEYU 13:18-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Nina ke, yiveni ingcaciso yomzekeliso ngomhlwayeli. Ukuba ubani uthi azive iindaba ezingolawulo lukaThixo, angàziqondi, uyeza ongendawo akuhluthe oko kwakuhlwayelwe entliziyweni yakhe. Yiyo leyo imbewu ehlwayelwe endleleni. Imbewu eyahlwayelwa elulwalweni ifanekisa lowo uzivayo iindaba ezi, athi kwangoko azamkele ngovuyo. Onjalo akanazingcambu zendeleyo; uma okomzuzwana kuphela, athi kwakufika imbandezelo okanye intshutshiso ngenxa yeendaba ezi, oyisakale kwangoko. Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo. Eyahlwayelwa emhlabeni olungileyo ifanekisa lowo uzivayo aziqonde iindaba ezi, aze avelise isiqhamo, omnye ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomye amashumi amathathu.”
UMATEYU 13:18-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nina ngoko wuveni umzekeliso womhlwayeli: akubon’ ukuba ubani uyaliva ilizwi lobukumkani, engaliqondi, uyafika ongendawo, akuhluthe okuhlwayelwe entliziyweni yakhe; Nguye lo owahlwayelwa ngasendleleni; Lowo ke uhlwayelwe ezindaweni ezilulwalwa, ngulo ulivayo ilizwi, alamkele kwaoko ngovuyo; abe ke engenangcambu ngaphakathi kwakhe, eme umzuzwana kodwa; uthi ke kwakuhla imbandezelo nokuba yintshutshiso ngenxa yelizwi, akhutyekiswe kwaoko. Lowo uhlwayelwe emithaneni enameva, ngulo ulivayo ilizwi; Lithe ke ixhala leli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuliminxe ilizwi, lisuke lingabi nasiqhamo. Lowo ke uhlwayelwe kuwo umhlaba omhle, ngulo ulivayo ilizwi aliqonde; luxakatha isiqhamo, omnye lixakathe ikhulu, omnye amashumi amathandathu, nomnye amashumi amathathu.
UMATEYU 13:18-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nina ngoko yivani umzekeliso womhlwayeli: Nxa sukuba umntu esiva ilizwi lobukumkani, engaqondi ke, uyeza okohlakeleyo, ahlute oko kuhlwayelweyo entliziyweni yake: nguye lo owayehlwayelwa ngasendleleni. Nowayehlwayelwa endaweni ebulwalwa, nguye lo oti ilizwi alive, asuke alamkele ngovuyo; koko engenangcambo pakati kwake, uyenza umzuzu kodwa; kuze kuti, kwakuhla imbandezelo umhlaumbi intshutshiso ngenxa yelizwi, asuke axakaniswe. Nowayehlwayelwa endaweni yemitolo, nguye lo oti ilizwi alive; kanti isitukutezi selilizwe likoyo, nenkohliso yobutyebi, ziyaṙwisha ilizwi, lize liputiswe. Nowayehlwayelwa emhlabeni olungileyo, nguye lo oti ilizwi alive, aliqonde; oti kanjalo axakate izixakato, enze omnye ngokulikulu, nomnye ngokungamashumi matandatu, nomnye ngokungamashumi matatu.