UMATEYU 7:15-16
UMATEYU 7:15-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke kaloku balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Kukha kukhiwe iidiliya emithaneni enameva, namakhiwane ezinkunzaneni, yini na?
UMATEYU 7:15-16 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Balumkeleni *abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngezenzo zabo, njengokuba nemithi iqondwa ngeziqhamo zayo. Kakade, khe kukhiwe iidiliya emqaqobeni, okanye amakhiwane emngeni?
UMATEYU 7:15-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Balumkeleni abaprofeti ababuxoki, abeza kuni ngezambatho zeegusha, ngaphakathi ke beziingcuka eziqwengayo. Nobaqonda ngeziqhamo zabo. Ngaba abantu bakha iidiliya emithaneni enameva okanye amakhiwane enkunzaneni?
UMATEYU 7:15-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Lumkelani ke abaprofite ababuxoki, abezayo kuni ngezivato zegusha, kanti ngapakati bazincu̔ka ezixwilayo. Niya kubazi ngezixakato zabo. Kuka kukiwe idreyive emitolweni na? umhlaumbi amakiwane ezipingweni na?