UMARKO 12:30-31
UMARKO 12:30-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.’ Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.”
UMARKO 12:30-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo ongaphambili umthetho. Nowesibini ufana nawo; nangu: Uze umthande ummelwane wakho njengoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunalé.
UMARKO 12:30-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela. Nguwo lo wokuqala umthetho. Owesibini ke ufana nawo: Uze umthande ummelwane wakho ngoko uzithanda ngako. Akukho mthetho wumbi mkhulu kunale.
UMARKO 12:30-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
wauya kumtanda UYEHOVA, UTIXO wako, ngayo yonke intliziyo yako, nangawo wonke umpefumlo wako, nangayo yonke ingqondo yako, nangawo onke amandla ako. Nguwo lo owokuqala umyalelo. Nowesibini ufana nawo, lo wokuti: Uya kutanda ummelwane wako njengokuzitanda kwako. Akuko myalelo wumbi umkulu kulé.