UMARKO 12:41-42
UMARKO 12:41-42 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kekaloku u‐Yesu ehleli pantsi malungana nendawo yendyebo, wabekangela ukuba bati nina abantu ukufaka imali endaweni yendyebo: baye abaninzi abazityebi bebefaka into enkulu. Wada weza umhlolokazi otile olihlwempu, wafaka imalanyana zambini, ezisesesine isahlulo sedobulitye.
UMARKO 12:41-42 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Waye uYesu ehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela ukuba sithini na isihlwele ukuphosa imali yobhedu emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.•
UMARKO 12:41-42 IBHAYIBHILE (XHO96)
UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu. Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti.
UMARKO 12:41-42 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYesu wayehleli malungana nomkhumbi wokulondoloza imali, ekhangela indlela abantu abaphosa ngayo imali emkhumbini wokulondoloza imali; zaye izityebi ezininzi ziphosa kakhulu. Kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, waphosa iimalanana zambini eziyikodrante.