UMARKO 5:35-36
UMARKO 5:35-36 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi uYesu esathetha, kwafika abakulogosa lendlu yesikhungo, besithi: “Intombi yakho ibhubhile; usamkhathazelani na uMfundisi?” UYesu yena, eyivile loo nto, wathi kwigosa lendlu yesikhungo: “Musa ukoyika; kuphela kholwa wena.”
UMARKO 5:35-36 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuthi esathetha yena, kufike abakulomphathi wendlu yesikhungu, besithi, Intombi yakho ifile; usamkhathazelani na uMfundisi? Aze kwaoko uYesu, elivile elo zwi lithethwa, athi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kodwa wena.
UMARKO 5:35-36 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwathi, esathetha, kwafika amadoda evela kwamphathi wendlu yesikhungu, athi, Ifile intombi yakho; usamkhathazelani na uMfundisi? Kwangoko uYesu, elivile elo zwi lithethwayo, wathi kumphathi wendlu yesikhungu, Musa ukoyika, kholwa kuphela.
UMARKO 5:35-36 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nxa abesateta, kwafika abakokwabo umpati wendlu yentlanganiso, besiti: Intombi yako ifile; yinina ukuba usamkataza umfundisi? Kuloko u‐Yesu, elivile nje elozwi libe litetwa, waselesiti kumpati wendlu yentlanganiso: Ungoyiki; kolwa kodwa.