UNEHEMIYA 10:39
UNEHEMIYA 10:39 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umrhumo wengqolowa, newayini entsha, neoli, emagumbini apho zikhona iimpahla ezingcwele, nababingeleli abalungiselelayo, nabamasango, neemvumi; indlu kaThixo wethu singayishiyi.
UNEHEMIYA 10:39 IBHAYIBHILE (XHO96)
AmaSirayeli ndawonye nabaLevi bokhupha umnikelo wokutya okuziinkozo nowolibo lwewayini namafutha omnquma, bawuse koovimba apho zigcinwa khona izinto zeNdawo eNgcwele, apho bahlala khona ababingeleli abalungiselelayo, abalindi-masango, kunye neemvumi. “Soze siyilahle indlu kaThixo wethu.”
UNEHEMIYA 10:39 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokuba oonyana bakaSirayeli noonyana bakaLevi baya kuzisa umsondezo wengqolowa, newayini entsha, newayini entsha, emagumbini okudlela, apho kukho iimpahla zengcwele, nezababingeleli, nabamasango kunye nezo mvumi yaye asiyi kuyishiya indlu yoThixo wethu.
UNEHEMIYA 10:39 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
ngokuba usapo luka‐Sirayeli, nosapo luka‐Levi, luya kuzisa umnikelo wenqolowa, neveyine entsha, neoli, ezinkambilini, apo zikoyo impahla zendawo eyingcwele, nabaperisite abakonzayo, nabalindimnyango, nabaculi: nendlu KATIXO wetu asisayi kuyishiya.