UNEHEMIYA 13:1-2
UNEHEMIYA 13:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngaloo mini kwaleswa encwadini kaMoses ezindlebeni zabantu; kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuthi, Ama-Amon namaMowabhi makangangeni ebandleni likaThixo naphakade; ngokuba engàbakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; esuka abaqeshela uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
UNEHEMIYA 13:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngaloo mini ke incwadi kaMosis yafundwa ngokuvakalayo, besiva nabantu, kwaza ke kwafumaneka kubhaliwe apho kuyo kwathiwa akukho m-Amon namMowabhi uya kuze angeniswe ebandleni likaThixo. Kaloku ezi ntlanga zona zange ziwamkele ziwaphe kutya namanzi amaSirayeli, koko zasuka zawathengela uBhalam ukuba awashwabulele. Kambe ke uThixo wethu elo lishwa waliguqula walenza ithamsanqa.
UNEHEMIYA 13:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kwangaloo mini bafunda encwadini kaMoses phambi kwabantu; kwaye kwafunyanwa kubhaliwe kuyo ukuba ama-Amon namaMowabhi akayi kungena ebandleni likaThixo ngonaphakade; ngokuba engabakhawulelanga oonyana bakaSirayeli enesonka namanzi; asuka aqesha uBhileham, ukuba abaqalekise; ke uThixo wethu wayiguqula ingqalekiso yaba yintsikelelo.
UNEHEMIYA 13:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NGEXESHA elo kwaleseshwa encwadini ka‐Mosesi ezindlebeni zabantu: kwaza kwafunyanwa kuba̔liwe kuyo, okokuba um‐Hamoni, umhlaumbi um‐Mowabi, akayi kungena emhlambini KATIXO kude kube ngunapakade; ngenxa yokuba bebengezi nesonka namanzi ukukaulela usapo luka‐Sirayeli, nokuba bebemqesha ngakulo u‐Bilame, aze aluqalekise: kodwa UTIXO wetu waguqula isiqalekiso sibe litamsanqa.