UNEHEMIYA 2:17-18
UNEHEMIYA 2:17-18 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem ilinxuwa, namasango ayo atshiswe ngomlilo; yizani, sakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lungcikivo. Ndabaxelela ukulunga kwesandla soThixo wam phezu kwam, namazwi okumkani awawathethayo kum. Bathi, Masisuke sakhe. Bazomeleza izandla zabo ukuwenza lo msebenzi ulungileyo.
UNEHEMIYA 2:17-18 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndaza ndathi kubo: “Ngaba niyayibona na le nkxwaleko sikuyo? IJerusalem ingamabhodlo; amasango ayo atshiswe ngomlilo. Ngoko ke yizani sizivuse iindonga zeJerusalem, ukuze siphume ehlazweni.” Kananjalo ndabaxelela ngesandla esikulunga sikaThixo wam ebesiphezu kwam, ngokunjalo namazwi athethwe ngukumkani kum. Baphendula ke bathi: “Masiqalise ukwakha.” Baqalisa ke ukuwenza loo msebenzi mhle.
UNEHEMIYA 2:17-18 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndathi kubo, Niyabubona ububi esikubo, ukuba iYerusalem yinxuwa, ukuba iingcango zayo zitshiswe ngomlilo; yizani silwakhe udonga lweYerusalem, singabi saba lihlazo. Ndabaxelela ukulunga kum isandla soThixo wam; namazwi okumkani, awawathethayo kum. Athi: Masilinde, masakhe. Bazomeleza izandla zabo ukuwenza lo msebenzi ulungileyo.
UNEHEMIYA 2:17-18 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndaza ndati kubo: Niyabona ilishwa esikulo tina, lokuba i‐Yerusaleme icitakele, nokuba amasango ayo atshisiwe ngomlilo; yizani, masake udonga lwe‐Yerusaleme, ukuze singabi sesisigxekwa. Ndaza ndabashumayeza isandla SOTIXO wam esibe silungile pezu kwam; kwa namazwi kakumkani abewatetile kum. Bati ke: Masisuke sake. Baza bazomelezela lomsebenzi olungileyo izandla zabo.