INUMERI 21:5
INUMERI 21:5 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bathetha abantu ngoThixo nangoMoses, bathi, Yini na ukuba nisinyuse eYiputa, size kufela entlango? Ngokuba tu isonka, tu namanzi; umphefumlo wethu ukruqukile sesi sonka sinkatshunkatshu.
INUMERI 21:5 IBHAYIBHILE (XHO96)
aza amkhalazela uThixo ndawonye noMosis, athi: “Kwakutheni kakade ukuze usikhuphe eJiputa, sizokufela kule ntlango? Akukho kutya namanzi apha! Okokwayo ke yona le nkatshu-nkatshu isikruqule!”
INUMERI 21:5 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bathetha abantu kakubi ngoThixo nangoMoses, bathi, Nisikhuphe eYiputa, ukuze sifele entlango apha? ngokuba kungekho sonka namanzi; esi sonka sikhaphukhaphu yasicekisa umphefumlo wethu.
INUMERI 21:5 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Basuka bateta abantu ngakuye UTIXO nangakuye u‐Mosesi, bati: Kunganina lento nisinyusileyo e‐Jipete ukuza kufa kulentlango? ngokuba kungeko isonka, kungeko namanzi; uti umpefumlo wetu usitiye esisonka silikapukapu.