KWABASEFILIPI 3:13-14
KWABASEFILIPI 3:13-14 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigangile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndizilibala izinto ezisemva, ndisolulela kwezingaphambili; Ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.
KWABASEFILIPI 3:13-14 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Bazalwana, mna andizibaleli ekuthini ndigángile; ke ndenza nto-nye: ndithi, ndízilibala izinto ezisemva, ndísolulela kweziphambili, ndiphuthume ngokoxunele umvuzo wobizo lwaphezulu lukaThixo kuKristu Yesu.
KWABASEFILIPI 3:13-14 IBHAYIBHILE (XHO96)
Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili, ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.
KWABASEFILIPI 3:13-14 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bazalwana! andizibaleli mna ukuba sendibambile: lento kodwa ndiyayenza, izinto ezisemva ndizilibala nje, nezinto ezipambili ndisolulela kuzo, ndiyaputuma ke ngakuwo umlinganiso ndiputumela umvuzo wobizo lwapezulu LUKATIXO ku‐Kristu Yesu.