IMIZEKELISO 24:17-18 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IMIZEKELISO 24:17-18 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ingagcobi intliziyo yakho ekukhubekeni kwalo; Hleze akubone uYehova, kube kubi emehlweni akhe, Awubuyise umsindo wakhe kulo.
Yabelana
IMIZEKELISO 24 XHO75IMIZEKELISO 24:17-18 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Sukuluvuyelela lwakuwa utshaba lwakho, ungavuyi xa ulubona lukhubeka, hleze olo vuyo lwakho lube bububi emehlweni kaNdikhoyo, awurhoxise umsindo wakhe kulo.
Yabelana
IMIZEKELISO 24 XHO96IMIZEKELISO 24:17-18 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nxa utshaba lwako luwayo, ungavuyi; naxeshekweni luku̔bekayo, mayingagcobi intliziyo yako; hleze abone UYEHOVA, kube kubi emehlweni ake, aze anqande kulo umsindo wake.
Yabelana
IMIZEKELISO 24 XHO1902AIMIZEKELISO 24:17-18 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Musa ukuvuya ekuweni kotshaba lwakho, Ungagcobi ekukhubekeni kwentliziyo yakho. Ngamana uYehova angakuboni oko, kungabi ngokuthanda kwakhe, yaye uya kuwususa umsindo wakhe kuye.
Yabelana
IMIZEKELISO 24 CXB24