IMIZEKELISO 5:3-4
IMIZEKELISO 5:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kaloku imilebe yomfazi ongakwaziyo ukuziphatha ivuza ubusi; kwaye nenkalakahla yakhe igudile kunamafutha omnquma. Kanti ke ekugqibeleni uba nobukrakra okomhlonyane, akwenzakalise okwekrele elibukhali macala.
IMIZEKELISO 5:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba umlomo womfazi wasemzini uvuza njengenqatha lobusi, nemilebe yakhe ibuthelezi ngaphezu kweoli. Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomlambo, kubukhali njengekrele elintlangothi mbini
IMIZEKELISO 5:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba ivuza incindi yobusi imilebe yomlomo womkamntu, Libuthelezi ngaphezu kweoli ikhuhlangubo lakhe; Ke ukuphela kwakhe kukrakra njengomhlonyane, Kubukhali njengekrele elintlangothi mbini.
IMIZEKELISO 5:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba umlomo womfazi wasemzini utontsela incindi, nekuhlangubo lake lidlula amafuta ngobutelezi: kanti ukupela kwake kuṙaṙa njengomhlonyane, kubukali njengesiṙele sisika ngamacala omabini.