IMIZEKELISO 6:16-19
IMIZEKELISO 6:16-19 IBHAYIBHILE (XHO96)
Zintandathu izinto azithiyileyo *uNdikhoyo; gxebe, zisisixhenxe izinto ezilizothe kuye: amehlo endelelo, ulwimi oluxokayo, izandla eziphalaza igazi elimsulwa, intliziyo eceba amayelenqe, iinyawo ezikhawuleza ukuquqela ebubini, ingqina elixokayo liyigqwethe inyaniso, nomntu ophembelela ingxabano phakathi kwabazalanayo.
IMIZEKELISO 6:16-19 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ezi ezintandathu uzithiyileyo uYehova, zasixhenxe zingamasikizi kuye. Ngamehlo aqwayingayo, lulwimi lobuxoki; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Intliziyo eyila ububi, ziinyawo ezikhawulezayo ukubalekela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga, Nongenisa ukungavisisani phakathi kwabazalwana.
IMIZEKELISO 6:16-19 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Izinto ezintandathu uzithiyile uYehova, Ezisixhenxe zingamasikizi emphefumlweni wakhe: Ngamehlo aqwayingayo; lulwimi oluxokayo; Zizandla eziphalaza igazi elimsulwa; Yintliziyo eyila iingcinga zobutshinga; Ziinyawo ezikhawulezayo ukugidimela ebubini; Lingqina elixokayo, elifutha amanga; Nongenisa ingxabano phakathi kwabangabazalwana.
IMIZEKELISO 6:16-19 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ezizinto zontandatu UYEHOVA uyazitiya; ewe, zixe̔nxe eziyintshontsho kumpefumlo wake: Amehlo okuqanqalaza; ulwimi lwobuxoki; nezandla ezipalazayo igazi elingenatyala; intliziyo ecebayo amaqinga akohlakeleyo; inyawo ezinxamela ukubalekela ububi; inqi̔na lobuxoki elipimisela ilwimi; novusayo amapike pakati kwabazalwana.