IINDUMISO 23:1-6
IINDUMISO 23:1-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova ngumalusi wam, andisweli lutho. Wénza ukuba mandibuthe emakriweni aluhlaza; Úndithundezela emanzini angawokuphumla. Úyawubuyisa umphefumlo wam; Úndikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba ùnam wena; Intonga yakho, umsimelelo wakho, uyandithuthuzela. Ùndilungisela isithebe phambi kwababandezeli bam, Ùyithambisa ngeoli intloko yam, Indebe yam iyaphalala. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, Ndihlale endlwini kaYehova Imihla emide.
IINDUMISO 23:1-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
*InguNdikhoyo nje ondalusayo, ndingaswela ntoni na? Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza, andikhokelele kwimilambo empompozayo, nditsho ndihlaziyeke emphefumlweni. Undithundezela kwezona ndlela zilungileyo, ukuze lidunyiswe igama lakhe. Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama, andinadyudyu. Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo; isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam. Undamkela okondwendwe oluxabisekileyo, uqukeze ude undihlinzeke ngesidlo, iintshaba zam zibukele. Ngenene, iyaphuphuma indebe yam. Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele, umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.
IINDUMISO 23:1-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
(Indumiso kaDavide.) uYehova ngumalusi wam; Andifuni. Undiphumza emakriweni aluhlaza; Undikhokelela emanzini angawokuphumla. Uyawuhlaziya umphefumlo wam, undikhaphela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lakhe. Nokuba ndihamba emfuleni wethunzi lokufa, Andiyi koyika bubi, ngokuba unam wena; Intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandithuthuzela. Undilungisela isithebe phambi kobuso bam, Ebusweni beentshaba zam; Uyithambisa ngeoli intloko yam; iyaphalala indebe yam. Inene, ndiya kulandelwa kokulungileyo nenceba Yonke imihla yobomi bam, ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla.
IINDUMISO 23:1-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UYEHOVA ungumalusi wam: andiyi kuswela luto. Uyandilalisa emaṙiweni aluhlaza; uyandikapela ngasemanzini azolileyo. Uyabuyisa umpefumlo wam; uyandikokela ezindleleni zobulungisa ngenxa yegama lake. Nakuba ndihamba emfuleni wesitunzi sokufa, andiyi kwoyika bubi, ngokuba wena unam; intonga yako nomsimelelo wako zona ziyandonwabisa. Uyandilungisela isitebe pambi kwentshaba zam; uyitambisile ngeoli intloko yam; indebe yam iyapupuma. Ngenyaniso ndiya kulandelwa kukulunga nabububele yonke imihla yokudla kwam ubomi; nokuhlala kwam kwoba sendlwini KAYEHOVA ngonapakade.