ISITYHILELO 10:9-10
ISITYHILELO 10:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Sathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yosenza sibe krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba nencasa enjengeyobusi. Ndayithabatha ke incwadana esesandleni sesithunywa eso, ndayidla ndayigqiba; yaye emlonyeni wam inencasa enjengeyobusi; xa ndayidlayo, saba krakra isisu sam.
ISITYHILELO 10:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiyile, ndacela ukuba isithunywa sindinike incwadana leyo. Sithe ke sona: “Yithathe uyitye. Yona yofana nobusi emlonyeni, kodwa iya kukuqumbela.” Ndayithatha ke esandleni sesithunywa eso ndayitya. Okunene yaba mnandi njengobusi emlonyeni, kodwa ndithe ndakuyiginya ndaqunjelwa.
ISITYHILELO 10:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndesuka ke ndaya kwisithunywa eso, ndathi kuso, Ndinike incwadana leyo. Wathi kum, Yithabathe, uyidle uyigqibe; yenze krakra isisu sakho, kodwa emlonyeni wakho yoba mnandi njengobusi. Ndayithabatha ke incwadana esesandleni sesithunywa eso, ndayidla ndayigqiba; yaye emlonyeni wam inencasa enjengeyobusi; yaye xa ndayidlayo, saba krakra isisu sam.
ISITYHILELO 10:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ndasuka ndaya kwingelosi leyo, ndati kuyo: Ndinike loncwadana. Yayisiti kum: Tabata, uyidle ugqibe, yaiya kusenza ṙaṙa isisu sako, koko emlonyeni wako iya kuba mnandi njengobusi. Ndaza ndayitabata loncwadana kuso isandla sengelosi leyo, ndayidla ndagqiba; yaibe emlonyeni wam injengobusi ukuba mnandi; naxeshekweni bendiyityile, saba ṙaṙa isisu sam.