ISITYHILELO 13:14-15
ISITYHILELO 13:14-15 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
libalahlekise abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa elo; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, mabalenzele umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila. Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
ISITYHILELO 13:14-15 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ngale ndlela ke lavunyelwa ukuba libalahlekise abantu behlabathi. Kaloku le mimangaliso laliyenza likho neliya lokuqala irhamncwa. Eli rhamncwa lathi abantu behlabathi mabaqingqe umfanekiso wokuwonga elaa rhamncwa lalingxwelerhwe likrele kodwa laphila. Irhamncwa eli lanikwa amandla okuba liwuphefumlele umfanekiso lowo, ukuze uthethe; futhi ugunyazise ukuba babulawe abo babengawunquli.
ISITYHILELO 13:14-15 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Lalahlekisa abo bemiyo phezu komhlaba, ngemiqondiso elayinikwayo ukuba liyenze emehlweni erhamncwa; lisithi kwabo bemiyo phezu komhlaba, ukuba balenze umfanekiselo irhamncwa, elibe linenxeba lalo ikrele, laphila. Lanikwa igunya lokuwunika umfanekiselo werhamncwa umoya, ukuze umfanekiselo werhamncwa elo uthethe nokuthetha, wenze ukuba babulawe abasukuba bengaqubudi kuwo umfanekiselo werhamncwa.
ISITYHILELO 13:14-15 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Liti kanjako libakohlise abemiyo pezu kwomhlaba, ngenxa yemiqondiso leyo lanikwayo ukuyenza ebusweni balo ir̔amnco; lisitsho kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ukuba mabalenzele umfanekiso elor̔amnco elibe linalo inxeba lesiṙele, lapila noko. Kwaye kunikwa kulo ukuba linike umpefumlo kuwo umfanekiso wer̔amnco elo, ukuze ke wona umfanekiso wer̔amnco elo ube nokuteta, wenze nokuba abo basukuba bengabedeshi umfanekiso wer̔amnco babulawe.