ISITYHILELO 9:20-21
ISITYHILELO 9:20-21 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Amasalela abantu, abangabulawanga ngazo ezo zibetho, akaguqukanga emisebenzini yezandla zawo, ukuze angaqubudi kuzo iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezamatye, nezemithi, ezingenako nokubona, nokuva, nokuhamba; akaguqukanga nasekubulaleni kwawo, nasekukhafuleni kwawo, nasembulweni wawo, nasebuseleni bawo.
ISITYHILELO 9:20-21 IBHAYIBHILE (XHO96)
Amasalela abantu abasindayo kweso sibetho akazange ahlukane nezithixo awayezenzele. Akazange ayeke ukunqula iindimoni nezithixo ezaziqingqwe ngegolide nesiliva nobhedu, amatye nangomthi, izinto ezazingenako nokubona nokuva nokushukuma oku. Akazange azisole nokuzisola ngobugebenga, nobugqwirha, ukurheletya, nobututu bawo.
ISITYHILELO 9:20-21 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Nabanye abantu ababengabulawanga ngezi zibetho abaguqukanga kwimisebenzi yezandla zabo, ukuba bangazinquli iidemon, nezithixo zegolide, nezesilivere, nezobhedu, nezelitye, nezemithi; akaboni, angeva, angahambi; abaguqukanga ekubulaleni kwabo, nasekukhafuleni kwabo, nasembulweni wabo, nakubusela bawo.
ISITYHILELO 9:20-21 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Bati kekaloku abanye abantu, abo babengabulawanga ngezibeto ezi, abaguquka noko kuyo imisebenzi yezandla zabo, ukuze bangazibedeshi idemoni, nezitixo zegolide, nezesilivere, nezexina, nezamatye, nezemiti, ezikohlwa nakukubona, nakukuva, nakukuhamba; abaguquka kanjako kuzo izibulalo zabo, nakuzo izitakato zabo, nakuwo umbulo wabo, nakuyo imibado yabo.