ISITYHILELO 9:3-4
ISITYHILELO 9:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Emsini apho kwaphuma iinkumbi, ezeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba. Kwathiwa kuzo, ize utyani bomhlaba zingaboni, nanye into eluhlaza, nanye into engumthi; ibe ngabantu bodwa, bona abo bangenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
ISITYHILELO 9:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwavela iinkumbi, ziphuma kuloo msi, zeza emhlabeni. Zazinolwamvila olufana nolukanomadudwane. Zaziyalelwe ukuba ze zingayichukumisi ingca, naso nasiphi na isityalo okanye umthi. Zazithunyelwe kubantu ababengaphawulwanga ngophawu lukaThixo ebunzi.
ISITYHILELO 9:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Emsini apho kwaphuma iinkumbi, zeza emhlabeni, zanikwa igunya, njengokuba benegunya oonomadudwane bomhlaba. Waziwisela umthetho wokuba zingoni utyani bomhlaba, nanye into eluhlaza, nanye imithi; kodwa ngamadoda kuphela, angenalo itywina likaThixo emabunzini abo.
ISITYHILELO 9:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Nakuwo umsi lowo kwapuma inkumbi zapumela emhlabeni: kwaye kunikwa kuzo amandla njengokuba benamandla onomadudwane bomhlaba. Kwaza kwatshiwo kuzo ukuti mazingenzakalisi utyani‐bomhlaba, kwa nanye into eluhlaza, kwa namuye umti; kupela mazenzakalise abobantu bodwa abangenaso izincamatiselo SIKATIXO pezu kwamabunzi abo.