KWABASEROMA 10:9-10
KWABASEROMA 10:9-10 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; avume ke ngomlomo, ukuze asindiswe.
KWABASEROMA 10:9-10 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.
KWABASEROMA 10:9-10 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngokuba, xa uthe wamvuma ngomlomo wakho ukuba uyiNkosi uYesu, wakholwa ngentliziyo yakho ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa. Kuba umntu ukholwa ngentliziyo, ukuze abe nobulungisa; kwaye ngomlomo uvumo lwenziwa losindiso.
KWABASEROMA 10:9-10 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
lokokuba, xeshekweni uti uxele ngomlomo wako INKOSI u‐Yesu, ukolwe entliziyweni yako ukuba UTIXO wamvusa kwabafileyo, uya kusindiswa. Ngokuba ngentliziyo kukolwa kube bubulungisa, nangomlomo kuxelwa kube lusindiswa.